iSebe lezoNxibelelwano
Unxibelelwano nehlabathi liphela lwenzeka ne-
nezinye.
Imbumbulu-Lwazi, isebenza ngeSebe lezobuGcisa neNkcubeko iqalisa kwaye ikwahlawulela uphando oluthile lwe-LIS kumgangatho wesizwe.
Onke la mazwembezwembe abalulwe ngasentla apha ajolise ekuqaqambiseni ukuba nakho ukufikelela kulwazi kwilizwe lonke.
I-Ofisi engaphantsi kweyiNtloko yoLwazi-Mbumbulu
Indawo yeLizwe yokugcina iimbalo ezibalulekileyo neeNkonzo zeeRekhodi zoMzantsi Afrika zoMzantsi Afrika
I-Ofisi eyiNtloko yeSebe
ISEBE LEZOBUGCISA NENKCUBEKO
IFeksi +27.12. 323-5287
UMZANTSI AFRIKA
ISEBE LEZOBUGCISA NENKCUBEKO
INDAWO YELIZWE YOKUGCINA IIMBALO EZIBALULEKILEYO KUNYE NEENKONZO ZEEREKHODI
ZOMZANTSI AFRIKA
I-OFISI EYINTLOKO YESEBE
I-ofisi engaphantsi kweyintloko yoLwazi mbumbulu
I-Ofisi yeSebe engaPhantsi kweNkulu yoLwazi-Mbumbulu yincam yesizwe ekujoliswe kuyo phakathi kuRhulumente wesizwe ejongene micimbi ethile ephathelele kwiinkonzo zamathala eencwadi nolwazi (library and information services) (LIS) kwizinga lesizwe.
I-Ofisi engaphantsi kweyiNtloko ibekwe phakathi kwiNdawo yokugcina iiMbalo zesizwe, ezibalulekileyo neeNkonzo zeeRekhodi ze...Ofisi eyiNtloko yeSebe lesizwe lezobuGcisa neNkcubeko kwaye liphantsi koMphathi weNdawo yesizwe, yokugcina iimbalo ezibalulekileyo, uGqirha Graham Dominy.
Umbono we-Ofisi engaphantsi kweyiNtloko kukudala nokugcina inkqubo yolwazi-mbumbulu olusebenza ngempumelelo, nkqubo leyo eya kukhuthaza ukuba nokufikelela kulwazi, ikwaqinisekisa ukuba bonke abemi bathabatha inxaxheba kwiSosayethi yoLwazi, ngaloo ndlela ibe negalelo kuphuhliso lwelizwe Injongo kukucebisa uMphathiswa weSebe lezobuGcisa neNkcubeko kuphuhliso, ukulungelelanisa, nokugcina inkqubo nesakhiwo sembumbulu -lwazi.
Inkqubo yesizwe yembumbulu-lwazi kuMzantsi Afrika ineendidi ezininzi zamathala eencwadi neminye imibutho yezolwazi kwaye ilungiselelwa sisakhiwo sowiso-mthetho. I-Ofisi engaphantsi kweyintloko ijongene ikakhulu ne-
iKomiti yokuGcinwa/ukubekwa kwezoMthetho kunye naloo mathala eencwadi neendawo zokugcina iimbalo ezibalulekileyo, ezisebenza njengeendawo zokubeka ezomthetho, kune no-
i-NLSA isebenza njengommeli webibliografiki yesizwe kwanaje ngethala leencwadi lesizwe, lokugcina okubalulekileyo. UMbindi/ indawo ebalulekileyo yeNcwadi, elisetyana elikhetheke ngokukodwa phakathi kwi-NLSA, likhuthaza ukwazi ukufunda nokubhala, ukuphuhliswa/ ukuveliswa kweencwadi, kunye nesiqhelo sokufunda. IBLINDLIB ivelisa ikwahamisa kwisizwe siphela, uncwadi olubhalwe ngendlela elungiselela abo bakhubazeke ngokungaboni- Braille, kunye neeteyiphu eziya ngqo kwabo bangaboniyo nabo bakhubazeke ngokungabi nakufunda ulwazi olubhaliweyo. Icandelo leeNkonzo zeSABWO's zeBraille ziphuhlisa uncwadi nolubhalwe ngendlela yeBraille xa luthe lwafunwa. Zombini I-LSA ne-BLINDLIB zisebenzisa iinkqubo eziveliswe ngekompyutha ukulungiselela ukuba uluntu lube nokufikelela kwingqokolela yazo nokukhuthaza ukwabelana ngezinto.
i-Ofisi yolwazi-mbumbulu, yeSebe engaphantsi kweyiNtloko ilawula le miThetho ye-LIS ilandelayo, eyinxalenye yesakhiwo sowiso-mthetho olulungiselelwe inkqubo yembumbulu-lwazi lwesizwe:
UMthetho wesizwe weBunga leeNkonzo zamaThala eeNcwadi noLwazi yowe- 2001 (uMthetho Nombolo 6 yowe- 2001)
UMthetho wesizwe soMzantsi Afrika wamaThala eeNcwadi yowe-1998 (uMthetho Nombolo 92 yowe- 1998)
UMthetho woMzantsi Afrika wamaThala eeNcwadi, wabantu abangaboniyo yowe- 1998 (uMthetho Nombolo 91 yowe- 1998), kunye
I-Ofisi engaphantsi kweyintloko yeSebe ikwasebenza njenge- Nobhala weKomiti yokugcina ezoMthetho emiselwe ngokusemthethweni kunye neeNkonzo zelizwe zamathala eeNcwadi noLwazi. Ulwazi-mbumbulu lukwalawula nenkqubo yokufaka ngokutsha kumgaqo siseko iKomiti neKhansile.
Ngokufutshane, uMthetho wowe-1977, wokubeka ezoMthetho, uqinisekisa ukuba ebuncinaneni, ikopi enye yoxwebhu ngalunye olupapashwe eMzantsi Afrika ithunyelwa kwi-NLSA, kwiThala leeNcwadi lePalamente, iThala leeNcwadi lweSosayethi yaseNatala nakwiiNkonzo zeThala leeNcwadi likaWonkewonke e-Mangaung (Bloemfontein). Iikopi nezinto ezivakala ngesandi zikwabonwa nangamehlo (audio-visual) zithunyelwa kwiiNdawo yelizwe, yokugcina iiMbalo ezibalulekileyo zefilimu, iVideyo neSandi, ePitoli. Ngalo Mthetho, liyagcinakala iLifa loMzantsi Afrika loko kubhaliweyo kwaye likwenziwa ukuba lifikeleleke ebantwini.
